Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, niginye inkamela. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kukuphanga nokugqithisela. mFarisindini, imfama, hlambulula kuqala okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze nomvandedwa ube ube nyulu. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nifana namangcwaba aqatywe mhlophe, abonakala emahle ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nako konke ukungcola. Ngokukwanjalo nani ngaphandle nibonakala ebantwini ukuba ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasa umthetho. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa; Kwaye nithi, Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti. Wuzaliseni ngoko umlinganiso wooyihlo. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; nithi ke inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni; nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBharakiya, enambulalayo phakathi kwetempile nesibingelelo. Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana. Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.