uMateyu 22:23-46

uMateyu 22:23-46 CXB24

Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko, bambuza, besithi, besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe. Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? kuba bonke babenaye. Waphendula uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengezithunywa zikaThixo emazulwini. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? uThixo akangowabafileyo, ungowabaphilileyo. Zathi izihlwele zakukuva oko, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe. Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. Ke kaloku omnye wabo, ongumqondisi-mthetho, wambuza umbuzo, emlinga, esithi, Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Lo ngowokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. Bakubon’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wababuza, esithi, Nithini na nina ngoKristu? ngunyana kabani na? Bathi kuye, Nyana kaDavide. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.