UMATEYU 22:23-46

UMATEYU 22:23-46 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon' ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe. Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo. Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe. Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubéthe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi, Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. Bakubon' ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo, esithi, Nithini na nina ngaye uKristu?• Ungunyana kabani na? Bathi kuye, kaDavide. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? (INdum. 110:1) Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, úngunyana wakhe ngani na? Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.

UMATEYU 22:23-46 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwangaloo mini kweza *abaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi: “Mfundisi, uMosis wathi: ‘Ukuba ubani uthe wafa engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi womfi lowo, azalelwe abantwana.’ Ke kaloku, phakathi kwethu kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana, waza umfazi lowo waba ngowomninawa. Nomninawa lowo wabhubha kungekho mntwana, umfazi waba ngowowesithathu. Kwaba ngokunjalo nakulo mninawa, kwada kwaya kowesixhenxe. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babenaye.” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo. Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, aniyifundanga na into ethethwe kuni nguThixo, esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’? UThixo ke akaThixo wabafileyo, ungowabaphilayo.” Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe. *AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana, waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga, wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?” Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’ Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.” Xa babehlanganisene *abaFarasi, uYesu wababuza esithi: “Nithini na nina ngaye *uKrestu? Úyinto kabani?” Baza bathi: “NgokaDavide.” Waza wathi kubo: “Kutheni na ke phofu ukuba ngamandla oMoya uDavide abize uKrestu ngokuthi ‘Nkosi’, apho athi: “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam: Hlala ngakum kweli wonga, lo gama ndikoyisela iintshaba zakho’? “Ukuba uDavide uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ukuba ngunyana wakhe?” Akubangakho namnye unako ukuphendula nelizwi eli; kwathi, ukususela kuloo mini, akwaba sabakho bani unesibindi sakumbuza nento le.

UMATEYU 22:23-46 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko, bambuza, besithi, besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe. Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? kuba bonke babenaye. Waphendula uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengezithunywa zikaThixo emazulwini. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? uThixo akangowabafileyo, ungowabaphilileyo. Zathi izihlwele zakukuva oko, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe. Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. Ke kaloku omnye wabo, ongumqondisi-mthetho, wambuza umbuzo, emlinga, esithi, Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Lo ngowokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. Bakubon’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wababuza, esithi, Nithini na nina ngoKristu? ngunyana kabani na? Bathi kuye, Nyana kaDavide. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.

UMATEYU 22:23-46 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Ngaleyomini kweza kuye abasadusi, abati akuko luvuko, bambuza, besiti: Mfundisi! u‐Mosesi watsho ukuti: Xeshekweni kufayo umntu engenabantwana, uya kuti umninawe wake atshate nomfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. Kekaloku bekuko kuti abazalwana abasixe̔nxe; waza owokuqala wazeka wabuba; wati engenanzalo, wamshiyela kumninawe wake umfazi wake. Wenje njalo nowesibini, nowesitatu, kwada kwaba ngowesixe̔nxe. Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi. Ngako eluvukweni, woba ngumfazi wawupina kwabo basixe̔nxe? ngokuba bonke bebenaye. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Niyaposisa, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla KATIXO: ngokuba eluvukweni bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi ZIKATIXO ezulwini. Kodwa ngako ukuvuka kwabafileyo, anikuleseshanga na oko kwatetwayo kuni NGUTIXO, esiti: Mna ndinguye UTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi? UTIXO aka NGUTIXO wabafileyo, ungowabahleliyo. Zati zakuva izihlwele, Zamangaliswa pezu kwesifundiso sake. Kekaloku abafarisi, bakuva ukuba ubate cwaka abasadusi, bahlanganisana ndawonye. Waza wabuza omnye wakubo obengumqondisimteto, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! owona myalelo umkulu emtetweni nguwupina? Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako. Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo. Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kulemiyalelo mibini kuyaxo̔meka wonke umteto nabaprofite. Kekaloku abafarisi behlanganisene nje, wababuza u‐Yesu, esiti: Niti nina ke ngaye u‐Kristu? ungunyana kabanina? Bati kuye: Ngoka‐Davide. Wati kubo: Uti nina pofu u‐Davide NGOMOYA ukumbiza NGENKOSI, esiti: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako? Ukuba ngoko u‐Davide uyambiza NGENKOSI, uti nina ukuba ngunyana wake? Kwaye kungeko namnye ongampendulayo ngazwi: kanjako kuselokwa lamini akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.