Ngelo xesha beza kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? ngokuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka. Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu? Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; ingambeki uyise nonina; yoba msulwa. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi, Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; kodwa intliziyo yabo ikude lee kum. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani niqonde. Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu. Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo lizwi bakhubeka? Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa. Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; Ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso. Wathi ke uYesu kubo, Anikabi nakuqonda na nani nangoku? Anikaqondi na ukuba yonke into engena emlonyeni ingena esiswini, ize iphoswe entlanjeni? Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zimenza inqambi umntu. Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa. Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.