uMateyu uMateyu 10
uMateyu 10
1Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke. 2Ngawo la ke amagama abapostile abalishumi elinababini; Owokuqala ibinguSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; 3uFilipu noBhartolomeyu; uTomas, noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu; 4uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo. 5Aba balishumi elinababini wabathuma uYesu, ebawisela umthetho, esithi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya; 6Kodwa yiyani kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli. 7Ekubeni nihamba, vakalisani, nithi, Ubukumkani bamazulu busondele. 8Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa. 9Ningaphathi golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu; 10nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsebenzi ufanelwe kukudla kwakhe. 11Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibuzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; hlalani khona apho nide nimke khona. 12Xa ningena endlwini, ze nibabulise. 13Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni. 14Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. 15Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. 16Niyabona, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga. 17Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; 18niya kusiwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga. 19Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na, kuba niya kuyinikwa ngelo lixa into nothetha ngayo. 20Kaloku asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu. 21Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; 22niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena. 23Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu. 24Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe. 25Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule, akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe? 26Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igqunyiweyo ingasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa. 27Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuthetheni ekukhanyeni; noko nikuvayo endlebeni, kuxeleni phezu kwezindlu. 28Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo. 29Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? yaye akuyi kuwa namnye kuzo emhlabeni ngaphandle koYihlo. 30Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. 31Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. 32Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. 33Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini. 34Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; ndize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele. 35Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala. 36Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe. 37Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. 38Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. 39Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana. 40Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. 41Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womshumayeli; nothe wamkela ilungisa ngokuba lililungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa. 42Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 10: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.