Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 1:18-25

uMateyu 1:18-25 CXB24

Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon’ ukuba unina uMariya useseleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele. Ke kaloku uYosefu indoda yakhe, eyindoda elilungisa, engathandi ukumvezisa, wanga amala ngasese. Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya, uMoya oyiNgcwele. Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo. Ke kaloku konke oku kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi, Uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, Bambize ngegama elinguEmanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi. Uthe ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umkakhe; Akamazi wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wamthiya igama elinguYesu.