Uthe ke uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi, nabantu, wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna phambi kwenu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo; KwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Niyabona, akenziwanga nto ifanelwe kukufa. Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule. Kuba umelwe kukuthi abakhululele abe mnye ngomthendeleko. Bankqangaza bonke kwaoko, besithi, Msuse lo, usikhulule uBharabhas, owathi ngenxa yesaqunge esithile esabakho phakathi komzi, nangenxa yokubulala, waphoswa entolongweni. Waphinda ngoko uPilato wathetha kubo, efuna ukumkhulula uYesu. Basuka ke bona bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule. Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; Ayeyisa amazwi abo nezababingeleli abakhulu. Waza uPilato wagweba ngelithi, makwenziwe ngokwesicelo sabo. Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela uYesu ekuthandeni kwabo.