Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. Abazali bakhe babehamba iminyaka ngeminyaka besiya eYerusalem emthendelekweni wepasika. Kuthe, xa wayeneminyaka elishumi elinamibini ezelwe, benyuka baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo. Bakuba bezigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke naye uphakathi kwesihlwele, bahamba uhambo lwemini enye; Baye ke bemfuna phakathi kwemizalwane nabazana nabo. Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. Kwathi, emva kweentsuku ezintathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe. Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? uyabona, uyihlo nam besikufuna sibuhlungu. Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Waye ke unina ezigcina zonke ezi zinto entliziyweni yakhe. uYesu wayehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.
Funda uLuka 2
Share
Compare All Versions: uLuka 2:39-52
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos