uLuka 18:1-14

uLuka 18:1-14 CXB24

Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla; Esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu. Kwaye kukho umhlolokazi othile kuloo mzi, yeza kuye isithi, Ndikhulule kummangaleli wam. Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu; noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule. Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo. Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo? Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha? Ke kaloku wathetha lo mzekeliso kwabathile, ababekholose ngokuthi ngaphakathi kwabo bangamalungisa, bebadela abanye. Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; omnye engumFarisi, omnye engumbuthi werhafu. UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu. Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo. Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ngasezulwini, wasuke wabetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni. Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uva kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.