ULUKA 18:1-14

ULUKA 18:1-14 XHO96

UYesu wabenzela umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi, wathi: “Kwidolophu ethile kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu. Ke kuloo dolophu kwakukho mhlolokazi uthile ubemana esiza kuye athi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’ Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa esithi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu, noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule, hleze ndide ndikruquke nguye.’ ” Yaqhuba ke iNkosi yathi: “Kuveni okuthethwa ngulo mgwebi ungenabulungisa. Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda? Ngenene, uya kubaphindezelela kamsinya. Kodwa ke, akufika yena *uNyana woLuntu, ngaba wolufumana na ukholo ehlabathini apha?” Ke kaloku uYesu uthethe lo mzekeliso kwabathile, ababekholose ngokuzicingela ukuba bangamalungisa, bebadelile abanye: “Amadoda amabini enyuka aya *endlwini kaThixo, esiya kuthandaza. Enye *yayingumFarasi, enye ingumqokeleli-rhafu. “Ke yena umFarasi wayemi ethandaza esithi: ‘Thixo, ndiyabulela kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengaye nalo mqokeleli-rhafu. Ndizila ukutya kabini ngeveki. Ndinikela ngesishumi sako konke endikuzuzayo.’ “Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’ Inene, wagoduka umqokeleli-rhafu lowo elilungisa kuThixo kunomFarasi lowo; kuba kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”