uLuka uLuka 16
uLuka 16
1Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lamangalelwa kuye, lokuba uyichithe impahla yakhe. 2Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa. 3Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukungqiba ndineentloni. 4O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo. 5Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam? 6Uthe ke yena, Likhulu leekore zeoli. Wathi kuye, Thabatha incwadi yakho, uhlale phantsi kamsinya, ubhale amashumi amahlanu. 7Aze athi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore zengqolowa. Wathi kuye, Thabatha incwadi yakho, ubhale amashumi asibhozo. 8Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya. 9Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngobutyebi bokungalungisi; ukuze xa nithe naphelelwa, banamkele eminqubeni engunaphakade. 10Othembekileyo kokona kuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalolungisa nakokukhulu. 11Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso? 12Ukuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu? 13Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi. 14Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke. 15Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; kuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo. 16Umthetho nabaprofeti babekho kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. 17Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho. 18Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owaliweyo endodeni, uyakrexeza. 19Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke. 20Kwaye kukho inqindi ethile egama linguLazaro, eyayibekwe esangweni lakhe, ezele zizilonda; 21Linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zaso. 22Lafa ke ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa. 23Esesihogweni, wawaphakamisa amehlo akhe, esezintuthukweni, wambona uAbraham ekude, noLazaro esesifubeni sakhe. 24Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndenzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye. 25Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa. 26Ngaphezu koko ke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; kananjalo abanako ukuwela beze kuthi, abaphuma nalapho. 27Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo; 28Kuba ndinabazalwana abahlanu; ukuze abaqononondise, ukuze bangathi nabo beze kule ndawo yentuthumbo. 29Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti; mabeve bona. 30Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka. 31Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.
Currently Selected:
uLuka uLuka 16: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.