Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 11:1-28

uLuka 11:1-28 CXB24

Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi omnye umfundi wakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe. Wathi kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe imihla ngemihla isonka sethu semihla ngemihla. Sixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni; usihlangule ebubini. Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe? Aphendule lowo wangaphakathi athi, Musa ukundikhathaza; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike. Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo. Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane? Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo? Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi, yakuphuma idemon, sathetha isisidenge; bamangaliswa abantu. Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon. Baye ke bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini. Ke kaloku yena, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa. Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule. Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. Xa igorha lixhobile, lilinda ibhotwe lalo, impahla yalo iseluxolweni; Xa lithe lafika igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha zonke izikrweqe zalo ebelikholose ngazo, liwabe amaxhoba alo. Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo. Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe. Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene ke bahlale khona; bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe. Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni apho, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, namabele owawanyayo. Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.