Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uYoshuwa uYoshuwa 20

uYoshuwa 20
1Wathetha uYehova kuYoshuwa, wathi, 2“Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Zishenxiseni izixeko ezikhulu endathetha ngazo kuni ngoMoses; 3ukuze abalekele khona umbulali obulele umntu ngokungazi; ibe yindawo yenu yokusabela kumphindezeli wegazi. 4Ukuba uthe wasabela komnye waloo mizi, wema ekungeneni kwesango lomzi, wayithetha indaba yakhe, apho aphulaphuleyo amadoda amakhulu aloo mzi, umse kuwo umzi, umnike indawo, ukuba ahlale kuyo. Pha unokuhlala phakathi kwabo. 5Ukuba umphindezeli wegazi uthe wamsukela, musa ukumnikela umbulali lowo esandleni sakhe; kuba wabetha ummelwane wakhe engazi, akazange amthiye ngaphambili. 6Wohlala kuloo mzi ade eme phambi kwebandla, agwetywe, ade afe umbingeleli omkhulu oya kuba elapho ngaloo mihla kwisixeko awayebalekele kuso. 7Bamisa iKedeshe yaseGalili eNtabeni yakwaNafetali, neShekem kweleentaba lakwaEfrayim, neKiriyatarebha, oko kukuthi, iHebron, ezintabeni zakwaYuda. 8Ngaphesheya kweYordan, eYeriko ngasempumalanga, banyula iBhete-tsere entlango, kwisizwe sakwaRubhen, neRamoti yaseGiliyadi, kwisizwe sakwaGadi, neGolan eBhashan, kwisizwe sakwaManase. 9Zizo ezi izixeko ezigcinelwe oonyana bakaSirayeli bonke, nomphambukeli ophambukele phakathi kwabo, ukuze abalekele khona bonke ababulele umntu ngengozi, angabulawa ngumphindezeli wegazi, ade eme phambi kwebandla.

Currently Selected:

uYoshuwa uYoshuwa 20: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena