Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Asitsho na ukuthi, ungumSamariya na, kwaye unedemon? Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza. Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade. Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. uAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa; wena ke uthi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? nabaprofeti bafa; uzenza bani na? Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nguThixo wenu; Kambe animazanga; Mna ke ndiyamazi; nokuba ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe. Uyihlo uAbraham wagcobela ukuwubona umhla wam, wawubona, wavuya. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham? Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade. Ngoko achola amatye ukuba amgibisele. Wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwabo