uYohane 8:1-11

uYohane 8:1-11 CXB24

uYesu ke waya eNtabeni yemiNquma. Kwathi kwakusa, wabuya wangena etempileni; baye bonke abantu besiza kuye; wahlala phantsi, wabafundisa. Ababhali nabaFarisi bazisa kuye umfazi obanjwe ekrexeza; bammisa ke esazulwini, bathi kuye, Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi. Ke kaloku, emthethweni uMoses wasiyalela ukuba abanjalo bagityiselwe ngamatye; Bakutsho ke oko, bemlinga, ukuze babe nokummangalela. Kodwa uYesu, ethobe phantsi, wabhala ngomnwe emhlabeni, ngokungathi akeva. Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye. Wabuya wathoba, wabhala emhlabeni. Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi. Ephakamile ke uYesu, akabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na? Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuyo, Nam andikugwebi; hamba, ungabi sona.