Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene. Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina angqinayo ngam. Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso. Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe. Yena lowo waye esisibane esidangazelayo, nesikhanyiso, na ke nina nathanda ukuvuya umzuzwana ekukhanyeni kwakhe. Kodwa ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile. NoBawo ngokwakhe, yena owandithumayo, ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe. Ilizwi lakhe alihlali kuni, kuba anikholwa kulowo amthumileyo. Ziphengululeni izibhalo; ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam. Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi. Andamkeli luzuko bantwini. Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu. Mna ndize egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena. Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni? Ningabi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina. Ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim, kuba yena wabhala ngam. Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe, nothini na ukukholwa ngamazwi am?
Funda uYohane 5
Share
Compare All Versions: uYohane 5:31-47
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos