uYohane 19:1-22

uYohane 19:1-22 CXB24

Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya. Aza amasoldati aluka isithsaba sameva, ambeka entloko, amnxiba ingubo ebomvu, besithi, Vuya, Kumkani wamaYuda! bambetha ke ngezandla. Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye. Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; Athi kubo uPilato, Nanko umntu. Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye. Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke ufanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo. Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi. Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena? Akaphendula ke uYesu kuye. Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula? Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi. Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare. Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika, ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu! Basuka ke bona bankqangaza, besithi, Msuse, mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Asinakumkani ngaphandle kukaKesare. Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Waphuma ethwele umnqamlezo wakhe waya kwindawo ekuthiwa yiNdawo yoKhakhayi, leyo kuthiwa ngesiHebhere yiGolgota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi. uPilato wabhala nombhalo, wawubeka emnqamlezweni. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa, UYESU waseNazarete, uKumkani wamaYuda. Lo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhalwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma. Bathi ngoko ababingeleli abakhulu bamaYuda kuPilato, Musa ukubhala ukuthi, uKumkani wamaYuda; wathi, NdinguKumkani wamaYuda. Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile.