uYohane uYohane 18
uYohane 18
1Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe. 2NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo, kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe. 3Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga. 4Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na? 5Bamphendula bathi, uYesu waseNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Waye ke noYuda, lowo umngcatshayo, emi nabo. 6Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni. 7Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, uYesu umNazarete. 8Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke; 9ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye. 10Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene. Igama lesicaka lalinguMalko. 11Wathi ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na? 12Laza elo qela lamajoni nomthetheli-waka namadindala amaYuda bambamba uYesu, bambopha. 13Wamsa kuAnas kuqala; kuba wayenguyise womkakhe kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka. 14Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye afele abantu. 15Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. 16uPetros ke wayemi ngasemnyango ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros. 17Sathi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? Athi, Andinguye. 18Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebase umlilo wamalahle; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha. 19Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe. 20Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; Bendisoloko ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona; andithethanga nto emfihlekweni. 21Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithethayo kubo; uyabona, bayakwazi oko ndakuthethayo. 22Ke kaloku, akuba etshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu? 23Wamphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na? 24uAnas wamthumela ke ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu. 25Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha. Bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela ke wathi, Andinguye. 26Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane soPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye? 27Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku. 28Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; yaye bona abazange bangene endlwini yerhuluneli, ukuze bangazenzi inqambi; ukuze bayidle ipasika. 29Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu? 30Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi, singe singamnikelanga kuwe. 31Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu; 32ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako. 33Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? 34Wamphendula uYesu wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na? 35Waphendula uPilato wathi, Mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenze ntoni na? 36Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, abakhonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha. 37Wathi ngoko uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam. 38Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso? Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye. 39Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela ukumkani wamaYuda na? 40Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas esisihange.
Currently Selected:
uYohane uYohane 18: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.