Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zone. Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya ezingathi zilishumi elinantlanu. Kwafika abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo. Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini. Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga. Nangoku ndiyazi ukuba, ongathi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo. Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke. Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela. Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; Uyakholwa na koko? Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini. Akuba etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, uMfundisi ukho, uyakubiza. Evile ke yena, wasuka ngokukhawuleza waya kuye. Ke kaloku, uYesu ebengekangeni edolophini, kodwa wayesekuloo ndawo wayedibene kuyo noMarta. Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Uya engcwabeni, ukuya kulila khona. uMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka. Athi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone. Walila uYesu. Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe! Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba nalo angafi? Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye phezu kwawo. Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile. Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo? Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo. Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma. Akuba etshilo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma. Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe. Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebize kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye. Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu. Bahlanganisa ngoko ababingeleli abakhulu nabaFarisi intlanganiso yamatyala, bathi, Senza ntoni na? ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi. Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu. Ke kaloku omnye wabo, uKayafa, engumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, wathi kubo, Anazi nto nina; Kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenxa yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela. Oku ke akakuthethanga kuphuma kuye; wathi, kuba ebengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, waprofeta ukuba uYesu uza kulufela uhlanga; kungabi ngenxa yohlanga olo lodwa, kube ngenxa yabantwana bakaThixo abalusali, ukuba abahlanganisele ndawonye. Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale. Ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni phakathi kwamaYuda; Wesuka apho, waya ezweni elikufuphi nentlango, emzini ekuthiwa kukwaEfrayim, walibala khona apho nabafundi bakhe. Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda; kwenyuka into eninzi iphuma kwelo zwe, yaya eYerusalem phambi kwayo ipasika, ukuze izenze nyulu. Ayemfuna ngoko uYesu, ethetha odwa, emi etempileni, esithi, Nithini na? Ke kaloku ababingeleli abakhulu nabaFarisi babewise umthetho wokuthi, ukuba umntu uthe wazi apho akhona, maze axele, ukuze bambambe.