uYeremiya uYeremiya 45

uYeremiya 45
uYeremiya uthetha noBharuki
1Ilizwi, awalithetha uYeremiya umprofeti uBharuki, unyana kaNeriya, ekuwabhaleni kwakhe la mazwi encwadini, laxelwa nguYeremiya, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, 2Wathi uYehova, uThixo kaSirayeli kuwe, Bharuki! 3Ubusithi, Yeha ke mna! ngokuba uYehova wongeze isingqala kumvandedwa wam; Ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla. 4Uze uthi kuye, ‘Utsho uYehova; Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayigungxula, nalo lonke ilizwe; 5Ngaba uzifunela izinto ezinkulu? musani ukubakhangela; ngokuba, yabonani, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndokunika umphefumlo wakho ube lixhoba, apho uya khona.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena