uHoseya uHoseya 7

uHoseya 7
1Xa ndifuna ukumphilisa uSirayeli, batyhileka ububi bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; ngokuba bexoka; lingena isela, amatutu aphanga ngaphandle. 2Abatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ziphambi kobuso bam. 3Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngobuxoki babo. 4Bonke bephela bangabakrexezi, njengeziko elibaswa ngumoji-zonka, oyekayo ukunyathela intlama, ide ifukuke. 5Ngemini yokumkani wethu abathetheli bamxhakamfule ngeendebe zewayini; wasolula isandla sakhe kunye nabagculeli. 6Bazilungisa iintliziyo zabo njengombumbi bebukele; umpheki wabo uhlala ubusuku bonke; kusasa uyavutha njengomlilo olenyayo. 7Bonke bephela bavutha njengeziko, batshisa abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawa; akukho namnye kubo ondinqulayo. 8uEfrayim uxunelene nabantu; uEfrayim liqebengwana elingaguqukiyo. 9Abasemzini bawadle bawadla amandla akhe, ukanti yena akakwazi oko; Ewe, izimvi zilapha naphaya, kodwa akazi yena. 10Libonakala emehlweni akhe iqhayiya likaSirayeli; akabuyelanga kuYehova uThixo wawo, akamfunanga ngenxa yoko. 11uEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, beza eAsiriya. 12Ekuhambeni kwabo ndiya kubabetha; ndiya kubahlisa njengeentaka zezulu; ndiya kubohlwaya ngokwentlanganiso yabo; 13Yeha ke bona! ngokuba babaleka kum, mabafikelwe kukutshabalala ngokuba bandingcatshile; Mna ndibakhulule, basuka bona bathetha ubuxoki ngam. 14Abandinqulanga ngentliziyo yabo, balililela ezililini zabo; 15Nangona ndibabophile ndaza ndatywina izandla zabo, kodwa bacinga ububi ngam. 16Baya kubuya, kungekhona kOsenyangweni; banjengesaphetha esityeketyeke; Baya kuwa likrele abathetheli babo, ngenxa yobulukhuni bolwimi lwabo; ibe yintlekisa kubo ezweni laseYiputa.

Currently Selected:

uHoseya uHoseya 7: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena