iEksodus 34:28-35

iEksodus 34:28-35 CXB24

Wahlala khona ke kuYehova iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, imithetho elishumi. Xa uMoses wehla eNtabeni yeSinayi ephethe amacwecwe amabini esingqino esandleni sikaMoses ekuhleni kwakhe entabeni, yaye wayengazi uMoses ukuba ulusu lobuso bakhe lwalukhazimla ngoxa wayethetha naye. uAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses, ulusu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye. Wababiza ke uMoses; uAron nezikhulu zonke zendibano babuyela kuye, waza wathetha kubo uMoses. Emva koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabaxelela konke abekuthethile uYehova kuye eNtabeni yeSinayi. Wada wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabugquma ubuso bakhe ngesigqubuthelo. Ekuhambeni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha kuye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma wathetha koonyana bakaSirayeli njengoko wayemwisele umthetho. Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya ke uMoses wabugquma ubuso bakhe ngesigqubuthelo, wada wangena waya kuthetha naye.