IEKSODUS 34:28-35
IEKSODUS 34:28-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi. Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhlèni kwakhe entabeni, àkazi uMoses, ukuba ulùsu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye. UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulùsu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye. Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses. Emveni koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabawisela umthetho wako konke abekuthethile uYehova kuye entabeni yaseSinayi. Wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe. Ekungeneni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha naye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma, wathetha koonyana bakaSirayeli oko abemwisele umthetho ngako. Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulùsu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe, wada wangena, waya kuthetha naye.
IEKSODUS 34:28-35 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi. Ukubuya kwakhe entabeni uMosis ephethe loo mithetho ilishumi, ubuso bakhe babukhazimla, kuba ethethe *noNdikhoyo; kambe ke yena wayengayiqondi loo nto. UAron namaSirayeli onke babubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla, batsho boyika ukusondela kuye. Kodwa uMosis wababiza, waza uAron nazo zonke iinkokheli zamaSirayeli beza kuye, waza wathetha nabo. Kamva ke onke amaSirayeli aqokelelana kuMosis, waza ke wawaxelela yonke imiyalelo ayinikwe nguNdikhoyo entabeni iSinayi. Wathi ke akugqiba ukuthetha nabo uMosis, wabufaka isigqubuthelo ubuso bakhe. Wayesithi xa eza kuthetha noNdikhoyo asisuse isigqubuthelo. Ekubuyeni kwakhe ke wayewaxelela konke akuyalelwe nguNdikhoyo amaSirayeli. Wona ke ayebubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla. Kambe ke wayeye afake isigqubuthelo, ade aphinde kwakhona aye kuthetha noNdikhoyo.
IEKSODUS 34:28-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wahlala khona ke kuYehova iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, imithetho elishumi. Xa uMoses wehla eNtabeni yeSinayi ephethe amacwecwe amabini esingqino esandleni sikaMoses ekuhleni kwakhe entabeni, yaye wayengazi uMoses ukuba ulusu lobuso bakhe lwalukhazimla ngoxa wayethetha naye. uAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses, ulusu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye. Wababiza ke uMoses; uAron nezikhulu zonke zendibano babuyela kuye, waza wathetha kubo uMoses. Emva koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabaxelela konke abekuthethile uYehova kuye eNtabeni yeSinayi. Wada wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabugquma ubuso bakhe ngesigqubuthelo. Ekuhambeni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha kuye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma wathetha koonyana bakaSirayeli njengoko wayemwisele umthetho. Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya ke uMoses wabugquma ubuso bakhe ngesigqubuthelo, wada wangena waya kuthetha naye.
IEKSODUS 34:28-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayeko kona ndawonye NO‐YEHOVA imini zamashumi mane nobusuku bakwa mashumi mane; isonka akasidla, namanzi akawasela: wandula waba̔la pezu kwamacwecwe amazwi ocebano, amazwi olishumi. Kwaza kwati, akuhla u‐Mosesi entabeni ye‐Sinai, amacwecwe omabini esinqi̔no esesandleni sika‐Mosesi, ekuhleni kwake entabeni, waengazi u‐Mosesi ukuba intlonze yobuso bake ibikazimla akuteta naye. Wati u‐Arone, nalo lonke usapo luka‐Sirayeli, bakubona u‐Mosesi, bona ke, intlonze yobuso bake yakazimla; ngako babesoyika ukusondela kuye. Waza u‐Mosesi wababiza; wasuka u‐Arone, nazo zonke inkosi zentlanganiso, babuya beza kuye: waye u‐Mosesi wateta nabo. Kwati kamva kwasondela lonke usapo luka‐Sirayeli: waza waluyalela ngako konke UYEHOVA wabekutetile kuye entabeni ye‐Sinai. Wati u‐Mosesi akuba egqibile ukuteta nabo, wabeka pezu kwobuso bake isigubungelo. Kodwa nxa u‐Mosesi wangenayo ebusweni BUKAYEHOVA ukuya kuteta naye, wandula wasusa isigubungelo wada wapuma: wati akuba epumile, wateta nosapo luka‐Sirayeli oko wayeyalelwa kona. Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwabona ubuso buka‐Mosesi, ukuba intlonze yobuso buka‐Mosesi iyakazimla; waza u‐Mosesi wabuya wabeka isigubungelo pezu kwobuso bake, wada wangena ukuya kuteta naye.