Kwabase-Efese Kwabase-Efese 5
Kwabase-Efese 5
1Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda; 2nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi. 3Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; 4kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo. 5Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo. 6Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo. 7Ngoko musani ukuba ngamahlulelana nabo. 8Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya. 9(Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso;) 10Nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi. 11Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; 12Kuba izinto ezenziwa kubo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha. 13Ke zonke ezi zinto, zakohlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya. 14Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela. 15Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko; 16nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo. 17Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi. 18Musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; kodwa nizaliswe nguMoya; 19nithetha omnye komnye ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi, 20nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise; 21Nilulamelana ngokoyika uThixo. 22Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; 23Ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba. 24Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke. 25Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo; 26ukuze asingcwalise, asihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi; 27ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo; mayibe ngcwele, ingabi nasiphako. 28Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda; 29kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla. 30Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo. 31Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye. 32Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla. 33Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; Umfazi ke makayoyike indoda.
Currently Selected:
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 5: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.