iZenzo 2:14-47

iZenzo 2:14-47 CXB24

Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, wathi kubo, Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele indlebe amazwi am. Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini. Kodwa oku koko kwathethwayo ngomprofeti uYoweli. Kuya kuthi ngemihla yokugqibela, utsho uThixo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu, amadodana enu abone imibono, namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha; Naphezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla ndiya kumthulula uMoya wam; kwaye baya kuprofeta. Ndiya kwenza izimanga ezulwini phezulu, nemiqondiso emhlabeni phantsi; igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi; Ilanga liya kujikwa libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini yeNkosi enkulu. Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe. Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi; uYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni, ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu: yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili uThixo, namthabatha, nambethelela emnqamlezweni, namsika ngezandla zabangendawo; athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa, kuba ebengenako ukubanjwa kuko. Kuba uDavide uthi, esingisele kuye, Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am, Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa. Ngenxa yoko yaba nemihlali intliziyo yam, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo, Kananjalo akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola. Wandazisa iindlela zobomi; Uya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho. Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho kuthi unanamhla. Ngoko, ekubeni engumprofeti, esazi nokuba uThixo wamfungela isifungo esithi, esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama, uya kuvelisa uKristu, ukuba ahlale etroneni yakhe; Ebonile ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola. Lo Yesu uThixo wamvusa, esingamangqina ako oko thina sonke. Ephakanyiselwe phezulu nje ngasekunene kukaThixo, elamkele kuye uYise idinga loMoya oyiNgcwele, uthulule le nto niyibonayo, niyivayo ngoku. Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam; Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina. Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, Madoda, bazalwana, sithini na? Wathi uPetros kubo, Guqukani, nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze kuxolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. Kaloku idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza. Ngamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, ebavuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigwenxa. Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa kwangaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu. Bazingisa ukuzingisa emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni. Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile. Ke kaloku bonke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke. Baye bethengisa nangemihlaba nangemihlaba yabo, babele bonke abantu njengoko ebesukuba eswele ngako. Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo, bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza ebandleni imihla ngemihla abasindiswayo.