Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte. Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo; (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda); weza kubo. Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza, kuba babengabenzi beentente, ishishini labo. Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike. Ke kaloku, bakuhla bevela eMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu. Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; mna ndihlambulukile; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kuzo iintlanga. Esukile ke apho, waya kungena endlwini yothile, ogama linguYusto, umhlonelayo uThixo, ondlu yakhe ibikufuphi nendlu yesikhungu. Ke kaloku uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe yonke; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa. Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha, ungathi tu; kuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi. Wahlala khona ke unyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo. Ke kaloku, akubon’ ukuba uGaliyo wayelibamba kwelaseAkaya, amaYuda amvukela ngamxhelo mnye uPawulos, amzisa esihlalweni sokugweba, besithi, Lo ukweyisa abantu ukuba bamnqule uThixo ngokunxamnye nomthetho. Ke kaloku, xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyinto yobutshinga, nokuba ibiyeyobutshijolo, maYuda, ngekungene kuni; Kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho wenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andiyi kuba ngumgwebi wezinto ezinjalo. Waza wabagxotha esihlalweni sokugweba. Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Ke yena uGaliyo akakhathalelanga nanye yezo zinto. Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso.