iZenzo 15:22-41

iZenzo 15:22-41 CXB24

Kwalunga ke abapostile namadoda amakhulu, kunye nebandla liphela, ukuba banyule amadoda phakathi kwabo, ukuba baye kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas; noYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda aziintloko phakathi kwabazalwana. Babhala ke iincwadi ngesandla ngabo; Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, kwa-Antiyokwe, naseSiriya, naseKiliki; Ngenxa yokuba sivile ukuba abathile baphuma kuthi banikhathaza ngamazwi, beyiqweqwedisa imiphefumlo yenu, besithi, Naluke, niwugcine umthetho, thina singabawiselanga mthetho unjalo. Kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda kuni, kunye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos; abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu. Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo. Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezo zifunekayo; zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa, nihambe kakuhle. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayenduluka ke, beza kwa-Antiyokwe; Bathe ke bona bakuba balesa, bavuya ngenxa yothuthuzeleko olo. Ke kaloku ooYuda noSilas, bengabaprofeti nabo, babakhuthaza abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza. Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile. Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona. Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi. Ke kaloku emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu kuyo yonke imizi esalazisa kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na. Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ogama limbi linguMarko; kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini. Kwabakho ingxabano enkulu phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; uBharnabhas wamthabatha ke uMarko, wemka ngomkhombe, waya eSipro. uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana. Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.