iZenzo iZenzo 12

iZenzo 12
1Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi; 2Wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele. 3Uthe ke akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros. Loo mihla yayiyimihla yezonka ezingenagwele. 4Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukumzisa ebantwini emva kwepasika. 5uPetros wayegcinwa entolongweni, kodwa ibandla laqhubeka limthandazela kuThixo. 6Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango. 7Naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya entolongweni, sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama ngokukhawuleza. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni zakhe. 8Sathi kuye isithunywa, Bhinqa, unxibe iimbadada zakho. Wenjenjalo ke. Athi kuye, Yambathisa ingubo yakho, undilandele. 9Waphuma ke, wamlandela; ebengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa sezulu; ebeba ke ubone umbono. 10Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi; eyabavulela yona ngoku iphumayo, baphuma ke, bahamba isitrato sasinye; semka kwaoko isithunywa eso kuye. 11Wathi uPetros akuziqonda, wathi, Ngoku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlangula esandleni sikaHerode, nakuko konke ulindelo lwabantu bamaYuda. 12Eyibonile ke loo nto, waya kungena endlwini kaMariya, unina kaYohane, ogama limbi linguMarko, apho kwakuhlanganisene khona into eninzi ithandaza. 13Akubon’ ukuba ke unkqonkqozile uPetros elucangweni lwesango, kweza kuphulaphula isicakazana esigama linguRoda. 14Elazisile ilizwi likaPetros, akalivula isango, ngenxa yovuyo; 15Bathi ke kuye, Uyageza. Kodwa wayesoloko eqinisekisa ukuba kunjalo. Bathi ke bona, Sisithunywa sakhe. 16Uthe ke uPetros wamana enkqonkqoza; bathi ke bakuluvula bambona, bathi nqa. 17Uwangawangisile ke ngesandla kubo, ukuba bathi cwaka, wabacacisela ukumkhupha kwayo iNkosi entolongweni. Wathi ke, Babikeleni ooYakobi nabazalwana ezi zinto. Waphuma waya kwenye indawo. 18Ke kaloku, kwakusa, ayibanga ncinane inkathazeko phakathi kwamasoldati, yokuba angaba utheni na uPetros. 19Uthe ke uHerode, akuba emfuna engamfumani, wabancina abalindi, wathi makumkiwe nabo, baye kubulawa. Wehla kwelakwaYuda, waya eKesareya, wahlala khona. 20Ke kaloku uHerode wayebaqumbele kakhulu abaseTire nabaseTsidon. Beza ke kuye bemxhelo mnye, bathi, bemthomalalisile uBlasto, obephethe igumbi lokulala ukumkani, bazicelela uxolo; ngokuba ilizwe labo belisondliwa lilizwe lokumkani. 21Ke kaloku uHerode, ngemini emisiweyo, ambethe ingubo yobukumkani, wahlala etroneni yakhe, wawisa ukuthetha kwakhe kubo. 22Baduma ke abantu, besithi, Lilizwi lothixo elo, asilamntu. 23Samthi qwaka ke kwaoko isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu, waphuma umphefumlo. 24Laye ke likhula, lisanda ilizwi likaThixo. 25Ke kaloku uBharnabhas noSawule babuya eYerusalem, belufezile ulungiselelo olo, bethabathe nabo uYohane, ogama limbi linguMarko.

Currently Selected:

iZenzo iZenzo 12: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena