Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, ababawayo, abaqhayisi, abanekratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangenambulelo, abangengcwele; ngaphandle komsa wemvelo, abachasi boxolo, abatyholi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangabafuniyo abalungileyo; abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bewakhanyela amandla ako; Kuba kwabalulo kwabo abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazi abasisidenge, abasindwe zizono, beqhutywa ziinkanuko ngeenkanuko; Uhlala efunda, kodwa akanako ukufika ekuyazini inyaniso. Kwangolo hlobo ke, bathi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonakele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo. Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabo. Ke wena uyayazi imfundiso yam, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo, Iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke. Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa. Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa. Wena ke, hlala kwizinto owazifundayo, waqiniseka ngazo, ukuba wazi ukuba ufunde kubani na; nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu. Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.