uSamuweli 2 uSamuweli 2-9

uSamuweli 2-9
uDavide ubenzela inceba uMefibhoshete
1Wathi uDavide, Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, endiya kuyisindisa ngenxa kaYonatan? 2Ke endlwini kaSawule bekukho isicaka esigama linguTsibha. Bambizela kuDavide, wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi, Ngumkhonzi wakho lo. 3Wathi ukumkani, Akukho bani wendlu kaSawule, endinokumbonisa inceba kaThixo? Wathi uTsibha kukumkani, Omnye unyana kaYonatan usisiqhwala. 4Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nantsiya iLodebhare endlwini kaMagire, unyana ka-Amiyeli; 5Wathumela ukumkani uDavide ukuba amthabathe endlwini kaMagire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare. 6Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda kuye. Wathi uDavide, Mefibhoshete! Wathi, Nanko umkhonzi wakho! 7Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kuba nemfesane kuwe ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo; ndiya kulibuyisela lonke ilizwe likaSawule uyihlo; kwaye niya kusoloko nisidla isonka etafileni yam. 8Waqubuda, wathi, Uyintoni na umkhonzi wakho, ukuba ukhangele nenja efileyo nje, enjengam nje? 9Ukumkani wabiza uTsibha, umfana wakwaSawule, wathi kuye, Yonke into ebiyekaSawule, nendlu yakhe yonke, ndiyinike unyana wenkosi yakho. 10Wena ke, wena noonyana bakho, nabakhonzi bakho, nimtyale umhlaba, nimvelise iziqhamo, adle unyana wokumkani wenu; ke uMefibhoshete, unyana wenkosi yakho, uya kusoloko esidla isonka etafileni yam. UZibha ubenoonyana abalishumi elinabahlanu, nabakhonzi abamashumi mabini. 11Wathi uTsibha kukumkani, Njengoko ukumkani, inkosi yam, wamwisela umthetho umkhonzi wakhe, uya kwenza ngako umkhonzi wakho. Ke yena uMefibhoshete, utsho ukumkani, uya kudla etafileni yam njengomnye woonyana bokumkani. 12uMefibhoshete wayenonyana omncinane, ogama linguMika. Yaye bonke abo babehlala endlwini kaTsibha babengabakhonzi bakaMefibhoshete. 13uMefibhoshete ubehlala eYerusalem, ngokuba ubesidla etafileni yokumkani ngamaxesha onke; wayesisiqhwala emilenzeni yakhe yomibini.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena