Ngoko ke wothi kuDavide umkhonzi wam, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Mna ndakuthabatha esibayeni, emva komhlambi, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli. Ndandinawe naphi na apho wawusiya khona, yaye ndazitshabalalisa zonke iintshaba zakho phambi kwakho ndaza ndakwenzela igama elikhulu njengegama labo bakhulu ehlabathini. Ngaphezu koko, ndiya kubanyulela indawo abantu bam amaSirayeli ndize ndibaqinise, ukuze bahlale endaweni yabo, bangabi sagungqiswa kwakhona; oonyana bobutshijolo bangabi sabacinezela njengangaphambili; Ukususela kwixesha endayalela ngalo abagwebi ukuba babalawule abantu bam amaSirayeli, ndaza ndaninika ukuphumla ezintshabeni zenu zonke. Kwakhona uYehova ukuxelela ukuba uya kukwenzela indlu. Xa ithe yazaliseka imihla yakho, walala noyihlo, ndoyivelisa emva kwakho imbewu yakho, ibonakale esiswini sakho, ndibuqinise ubukumkani bakhe. Nguye oya kulakhela igama lam indlu, ndiyiqinise itrone yobukumkani bakhe, kude kuse ephakadeni. Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam; Ukuba uthe wenza ububi, ndombetha ngentonga yabantu, nangentonga yoonyana baka-Adam; Ke yona inceba yam ayiyi kumka kuye, njengoko ndayisusayo kuSawule, endimsusileyo ebusweni bakho. Indlu yakho nobukumkani bakho buya kuma ngonaphakade phambi kwakho; Itrone yakho iya kuzinza ngonaphakade. Njengaloo mazwi onke, ngokwalo mbono, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide.
Funda uSamuweli 2 7
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: uSamuweli 2 7:8-17
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo