KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 8
KwabaseKorinte 2 – 8
1Ke kaloku, bazalwana, siyanazisa ubabalo lukaThixo oluhlakaziweyo phakathi kwamabandla akwelaseMakedoni; 2okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo. 3Kuba ndiyangqina, ewe, nangaphezu kwamandla abo, bazinikela ngokuqhutywa yintliziyo; 4besikhunga kakhulu, besikhunga, ukuba silwamkele ubabalo olo, nobudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele. 5Abakwenza njengoko sathemba ngako, basuka bazinikela eNkosini, nakuthi, ngokuthanda kukaThixo; 6ngokokude simyale uTito, ukuba athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo. 7Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo. 8Anditsho ngakwammiselo; ukutsho, ndenziwa kukunyameka kwabanye, ndicikida nenyaniso yolwenu uthando; 9Kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo. 10Ngale ndawo ke ndinipha okwam ukubona; kuba oko kunilungele nina aba nayiqalayo kwanyakenye le nto; ananela kuyenza, nayithanda nokuyithanda. 11Ngoko ke yifezekiseni le nto; ukuze, kwanjengokuba bekukho intumekelelo yokuthanda, kwangokunjalo kubekho nokuyifeza ngeninako. 12Kuba intumekelelo, ukuba selikho, yamkeleka kakuhle ngokoko asukuba enako umntu, kungabi ngokoko angenako. 13Kuba andithi mabaphumle abanye abantu, nibandezeleke nina; 14ukuze kubekho ukulingana ngexesha lakalokunje, ukuphuphuma kwenu makufikelele ekusileleni kwabo, ukuze nokuphuphuma kwabo kufikelele ekusileleni kwenu; 15njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Lowo wabutha kakhulu akabanga nakusalelayo; nowayebutha kancinane akabanga nakusilela. 16Makubulelwe ke kuThixo, ongenise kwaoko kuninyamekela entliziyweni kaTito. 17Ngokuba wasamkela okunene isiyalo; ke uthe, enyamekile, uthe ngokuqhutywa yintliziyo, waya kuni. 18Sathuma ke kunye naye umzalwana odume phakathi kwawo onke amabandla, ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo. 19Asiyikuphela ke loo nto; wanyulwa nokunyulwa ngawo amabandla, ukuba abe ngohamba nathi ngolu lubabalo silulungiselelweyo sithi, ekuzukiseni kwayo iNkosi, nasekubonakalaliseni nina ngokwentumekelelo yenu; 20silumkele oku, ukuze kungabikho bani usigxekayo kobu bu butyebi bulungiselelwa sithi; 21Silungiselela izinto ezilungileyo, kungekuphela nje emehlweni eNkosi, kodwa nasemehlweni abantu. 22Sithume ke kunye nabo umzalwana wethu, esimcikide futhi ngeendawo ezininzi, samfumana ekhuthele; 23Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu. 24Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 8: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.