KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 4

KuTimoti 1 – 4
1Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon; 2Othetha ubuxoki ngohanahaniso; betshiswe isazela sabo ngentsimbi; 3bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezidalwe nguThixo, ukuba zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso. 4Kuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo; 5Kuba singcwaliswa ngelizwi likaThixo nangomthandazo. 6Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo. 7Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zigatye; 8Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho. 9Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke. 10Kuba sibulalekela, singcikivelwe oko; ngokuba sithembele kuThixo ophilileyo, onguMsindisi wabantu bonke, ngokukodwa owabakholwayo. 11Bathethele ezi zinto, ufundise zona. 12Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu. 13Nyamekela ukufunda, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike. 14Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu. 15Zinyamekele ezo zinto; zinikezele ngokupheleleyo kuzo; ukuze ukuphumelela kwakho kubonakale kwinto yonke. 16Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kuzo; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena