KaPetros 1 KaPetros 1 – 5

KaPetros 1 – 5
1Amadoda amakhulu aphakathi kwenu ndiyawavuselela, mna ndikwayindoda enkulu, nengqina leentlungu zikaKristu, ndinesabelo ebuqaqawulini obuya kutyhileka; 2Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokwentumekelelo; 3kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi. 4Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo. 5Ngokunjalo, nina batsha, wathobeleni amadoda amakhulu. Yambathani ukuthobeka kwentliziyo nonke; kuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. 6Zithobeni ngoko phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo, 7liphoseni kuye lonke ixhala lenu; ngokuba unikhathalele. 8Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; 9mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini. 10Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele. 11Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 12NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lubabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo. 13Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; ngokunjalo noMarcus unyana wam. 14Bulisanani ngolwango lothando. Uxolo malube nani nonke enikuKristu Yesu. Amen.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena