Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana. Kodwa ke, ngenxa yohenyuzo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda. Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo. Musani ukwazana, ngaphandle kokuba nivumelene okomzuzwana, ukuze nizinikele nina ziqu nizila ukutya nokuthandaza; nibuye nihlangane, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yokungazithibi kwenu. Nditsho ngegunya, andiwisele umthetho. Kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam nje; Kodwa elowo unesakhe isipho, asibabalwe nguThixo; Ndithi ke kwabangazekanga nabangendanga, nakubahlolokazi, kubalungele ukuba bathe bahlala njengam nje. Kodwa ke, ukuba abanakuzibamba, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka. Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; Kodwa ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe; indoda mayingamali umfazi wayo. Ke kaloku kwabanye ndithi mna, akutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali. Nomfazi onendoda engelokholwa, ize yona ithande ukuhlala naye, makangahlukani nayo. Kuba indoda leyo ingakholiweyo ingcwalisiwe nguye umfazi, nomfazi lowo ungakholiweyo ungcwalisiwe yiyo indoda; okanye abantwana benu ngebeba baziinqambi; kungokunje bangcwele. Kodwa ke ukuba lowo ungakholiweyo uyahluka, makahluke; umzalwana nokuba ngudade akabotshelelwe, xa kunjalo; ke uThixo usibizele eluxolweni. Kuba, wazi ngani na, mfazi, ukuba woyisindisa indoda yakho? Wazi ngani na, ndoda, ukuba womsindisa umkakho? Ke, njengoko uThixo wamabelayo ulowo, njengoko iNkosi imbizileyo ulowo, makahambe ngokunjalo. Ndimisa ngokunjalo ke kuwo onke amabandla. Kukho mntu wabizwa engowalukileyo na? Makangazenzi ongalukileyo. Kukho mntu wabizwa engalukanga na? makangaluki. Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo. Elowo makahlale elubizweni abizwe ekulo. Wabizwa ulikhoboka na? ungakukhathaleli oko; nokuba unokukhululeka, sebenzisa kanye oko. Ukuba lowo wabizwayo waba seNkosini elikhoboka, ungumkhululwa weNkosi; ngokunjalo nalowo wabizwayo engokhululekileyo, ulikhoboka likaKristu. Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngabakhonzi babantu. Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo.