KwabaseKorinte 1 10:1-13

KwabaseKorinte 1 10:1-13 CXB24

Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke; Babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle; Badla bonke oko kudla kunye kukokomoya; basela bonke olo luselo lunye lulolomoya, kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo lalinguye uKristu. Kodwa noko uThixo akakholiswanga ngabaninzi kubo; ngokuba bathiwa entlango. Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo. Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale. Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenzayo umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu. Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. Kanjalo musani ukukrokra njengoko inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi. Zonke ke ezo zinto zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi. Anibanjwanga sihendo singesabantu; kodwa uThixo uthembekile, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, nibe nako ukuthwala.