U‐Zekariya 8

8
1Leza kanjako ilizwi likayehova wemikosi kum, lisiti:
2Utsho uyehova wemikosi ukuti: Bendinobukwele pezu kwe‐Ziyone ngobukwele obukulu, ewe, bendinobukwele pezu kwayo ngobuṙalaṙume obukulu. 3Utsho uyehova ukuti: Sendibuyele e‐Ziyone, ndandiya kuhlala pakati kwe‐Yerusaleme; kanjalo i‐Yerusaleme iya kubizwa ngokuti sisixeko senyaniso, nentaba kayehova wemikosi ngokuti yintaba eyingcwele. 4Utsho uyehova wemikosi ukuti: Amaxego namaxegokazi obuya ahlale ezitarateni ze‐Yerusaleme, amanye ngamanye enemisimelelo yawo ezandleni zawo ngenxa yobuninzi bemihla. 5Zaye izitarate zesixeko eso ziya kuzala ngamakwenkwe nentombazana, bedlala ezitarateni zaso. 6Utsho uyehova wemikosi ukuti: Nakuba kuya kuba ngummangaliso emehlweni esisalela sababantu ngemihla leyo, ngekuba ngummangaliso emehlweni am na? utsho uyehova wemikosi. 7Utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndiya kusindisa abantu bam elizweni lokupuma kwelanga, nasezweni lokutshona kwelanga; 8ndobazisa ke, babeya kuhlala pakati kwe‐Yerusaleme; bona boba ngabantu bam, nam ndoba ngutixo wabo, ngenyaniso nangobulungisa.
9Utsho uyehova wemikosi ukuti: Izandla zenu mazomelele, nina nivayo kulemihla lamazwi ngomlomo wabaprofite, abetetwa emhleni wabekwa umsekelo wayo indlu kayehova wemikosi, itempile, ukuba yakiwe. 10Ngokuba ingekabiko lomihla, ubungeko umvuzo womntu, ubungeko nomvuzo wenkomo; nakuye opumayo, nakuye ongenayo, bekungeko uxolo, ngenxa yotshaba; ewe, ndatuma bonke abantu omnye ngakuye omnye. 11Kodwa kaloku andiyi kuba njengasemihleni yapambili kwisisalela sababantu, utsho uyehova wemikosi. 12Ngokuba imbewu yoba netamsanqa; umti weveyine uya kunika ukuqa̔ma kwawo, nomhlaba wonika ukuxakata kwawo, namazulu onika umbete wawo, nesisalela sababantu ndiya kubenza ukuba bazifuye ezizinto zonke. 13Kwakuya kuti, njengokuba nibe nisisiqalekiso pakati kwezizwe, ndlu ka‐Juda, nendlu ka‐Sirayeli! kwa njalo ndonisindisa, naniya kuba litamsanqeliso: ningoyiki, mazomelele izandla zenu. 14Ngokuba esitsho uyehova wemikosi ukuti: Njengokuba bendicinga ukunenzela ububi, nxa oyihlo benu bandiqumbisayo, utsho uyehova wemikosi, ndingabanga nalusizi ke; 15kwa njalo ndibuye ndacinga, kulemihla, ukwenzela i‐Yerusaleme nendlu ka‐Juda okulungileyo: ningoyiki. 16Zezi izinto niya kuzenza: Tetani inyaniso omnye kwomnye: gwebani ngenyaniso nangokugweba kwoxolo emasangweni enu; 17ningaqingelani ububi entliziyweni yenu; nesifungo sobuxoki ningasitandi; ngokuba zonke ezizinto zezo ndizitiyayo, utsho uyehova.
18Kanjalo ilizwi likayehova wemikosi leza kum, lisiti: 19Utsho uyehova wemikosi ukuti: Inzilo yeyesine inyanga, nenzilo yeyesihlanu, nenzilo yeyesixe̔nxe, nenzilo yeyeshumi, zoba luvuyo nomgcobo kwindlu ka‐Juda, kwa imitendeleko ecwayitileyo: kodwa tandani inyaniso noxolo.
20Utsho uyehova wemikosi ukuti: Kusaza kubako, ukuba baya kuza abantu, nabemi bezixeko ezininzi, 21bati abemi besinye baye kwesinye, besiti: Masikauleze ukuya kumbongoza uyehova, nokumfuna uyehova wemikosi; ndiya kuhamba nam. 22Ewe, baya kuza abantu abaninzi, nezizwe ezinamandla, ukumfuna uyehova wemikosi e‐Yerusaleme, nokumbongoza uyehova.
23Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ngalomihla, amadoda alishumi, kuzo zonke inteto nezizwe, aya kubamba, ewe, aya kubamba isondo lengubo yom‐Juda, esiti: Siya kuhamba nani; ngokuba sivile ukuba utixo unani.

Currently Selected:

U‐Zekariya 8: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena