Ingoma ka‐Solomone 5

5
1Ndingenile esitiyeni sam, dade wam, mtshakazi! ndikile imore yam kunye nesimnandi sam; ndityile incindi yam kunye nobusi bam; ndiselile iveyine yam kunye nobisi lwam.
Yidlani, bahlobo! selani, nikolise ukusela, batandwa!
2BENDILALA butongo, kodwa yapapama intliziyo yam: Ilizwi lesitandwa sam! siqongqota! Ndivulele, dade wam, sihlobokazi sam, hobekazi lam, mcocwakazi wam! ngokuba intloko yam izele ngumbete, nezihlita zam ngamatontsi obusuku. 3Ndisusile isivato sam; sendiya kuti nina ukusifaka? ndihlanzile inyawo zam; sendiya kuti nina ukuzidyoba?
4Saye isitandwa sam sisusa isandla saso esitubeni socango, waza umbilini wam wanesitukutezi ngenxa yaso. 5Ndesuka ke ukuya kuvulela isitandwa sam; zati izandla zam zatontsela imore, neminwe yam imore epupumayo, pezu kwezipato zomvalo. 6Ndavulela isitandwa sam; kodwa isitandwa sam sasishenxile, besidlulile: wawa umpefumlo wam sakuteta: ndasifuna, kanti bendingasifumani; ndasibiza, kanti besingandisabeli. 7Bandifumana abalindi abahambahambayo esixekweni, bandibeta, bandenzela inxeba; abagcini bendonga bandihluta isilengalenga sam. 8Ndiyanifungisa, nina zintombi zase‐Yerusaleme! nxa niya kusifumana isitandwa sam, nosixelela nto nina? Sixelele okokuba ndiyafa lutando.
9Siyinto nina isitandwa sako ngapezu kwesitandwa somnye, wena mhle pakati kwamankazana? Siyinto nina isitandwa sako ngapezu kwesitandwa somnye, ukuba usifungisile ngokunjalo?
10Isitandwa sam simhlope, sibomvuṙa; singowazekileyo ngapezu kwamawaka alishumi. 11Intloko yaso inga iyigolide ecokisiweyo, izihlita zaso ezilengalengayo zimnyama njengonomyai. 12Amehlo aso anjengamahobe ngasemilanjaneni yamanzi, ehlamba elubisini, ehleli ekuzaleni. 13Izidlele zaso zinjengendima yebeseme, njengendawo ezipakamileyo zezityalo ezimnandi; umlomo waso unjengenyibiba, utontsela imore epupumayo. 14Izandla zaso zinjengemisesane yegolide, ifakelwe ngamatye etareshishe; isisu saso sinjengopondo lwendlovu olugudisiweyo, lugujungelwe ngamatye esafire. 15Imilenze yaso injengentsika zelitye elimhlope, zimisiwe pezu kweziseko zegolide ecokisiweyo. Ukubonakala kwaso kunjenge‐Lebanone; sidlulisile njengesedare. 16Ikuhlangubo laso liyolile kunene; he, isiqu sonke sitandekile kakulu. Sinjalo isitandwa sam, ewe, sinjalo isihlobo sam, nina zintombi zase‐Yerusaleme!

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena