Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8:1-3
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 8:1-3 XHO1902A
NGAKO kaloku akuko kugwetywa kwabo bakuye u‐Kristu Yesu, abati bangahambi ngokwenyama, koko bahambe ngo KWOMOYA. Ngokuba umteto WOMOYA wobomi kuye u‐Kristu Yesu undikululekisile kuwo umteto wesono nowokufa. Ngokuba oko umteto ubungenamandla ukukwenza, ekubeni ububutataka ngayo inyama, UTIXO etumile owake unyana ekufaneni kwenyama yesono, nangenxa yesono, wagweba isono enyameni