Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 15:1-7

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 15:1-7 XHO1902A

Kanjalo tina banamandla sifanelwe kukutwala ubutataka babaswel’ amandla, singazikolisi. Masiti sonke ngabanye sikolise abamelwane betu ngoko kubalungele kube kukumiswa. Ngokuba no‐Kristu ebengazikolisi; koko, njengokuba kuba̔liwe: Izituko zabo babetuka wena zawa pezu kwam. Ngokuba konke okube kuba̔liwe pambili bekuba̔lelwe okwetu ukufundiswa, ukuze siti ngawo umonde nolwonwabiso lweziba̔lo sibe netemba. Wanga ke UTIXO womonde nolwonwabiso anganinika okokuba nibe nokuvumelana omnye nomnye njengokuka‐Kristu Yesu: ukuze kwa ngentliziyo nye niti ngomlomo mnye nimdumise yena UTIXO noyise WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu. Ngako oko yamkelanani, njengokuba no‐Kristu wasamkela tina, kube kukudunyiswa KUKATIXO.