Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi. Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke. Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikiváyo záwa phezu kwam. Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba. Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu; ukuze nithi, nimxhelo mnye, nimzukise ngamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.
Funda KWABASEROMA 15
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KWABASEROMA 15:1-7
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo