Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 1

1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, isicaka sika‐Yesu Kristu, obiziweyo ukuba ngumpostile, owahlulelwe evangelini katixo, — 2leyo wayibekelayo ngedinga kwa pambili ngabaprofite bake eziba̔lweni ezingewele, 3ngaye unyana wake, owazalwa ngenzalo ka‐Davide ngokwenyama, 4owabonakaliswa ngamandla ukuba ngunyana katixo ngokwomoya wobungcwele ngokuvuka ekufeni, kwa u‐Yesu Kristu inkosi yetu; 5esati ngaye samkela ufefe nobupostile, kube kukuva kwokolo pakati kwazo zonke intlanga, ngenxa yegama lake; 6enipakati kwazo nani, ningababizwa baka‐Yesu Kristu:— 7kubo bonke abase‐Roma, abatandiweyo ngutixo, ababiziweyo ukuba ngabangcwele: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
8Nditi ke ukuqala, ndibulela kutixo wam ngaye u‐Yesu Kristu ngenxa yenu nonke, ukuba inkolo yenu iyashunyayelwa kulo lonke ilizwe. 9Ngokuba utixo elinqi̔na lam, endimkonzayo emoyeni wam kuyo ivangeli yonyana wake, lokokuba ndiyanikankanya ndingayeki, 10ndikunga ngamaxesha onke emitandazweni yam, ukuba kungati kaloku ndoda ndivulelwe indlela ngentando katixo ukuza kuni. 11Ngokuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele isipiwo esibumoya, ukuba niqiniswe; 12oko kukuti ke, ukuba ndonwatyiswe kunye nani pakati kwenu, ngalo ukolo olukuti ngabanye, kwa nolwenu nolwam.
13Kodwa anditandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! okokuba ndite futi ndacinga ukuza kuni, (kanti ndaxakwa kwada kwakaloku nje,) ukuze ndibe nezixakato napakati kwenu, njengapakati kwabo nabanye abaheyideni. 14Ndingonetyala kwa kuwo ama‐Girike nakubo abangengama‐Girike, kwa kubo abalumkileyo nakubo ababudenge. 15Kwa njalo okwam sendilungile ukushumayela ivangeli nakuni base‐Roma.
16Ngokuba ndingenantloni ngayo ivangeli ka‐Kristu: ngokuba ingamandla katixo lube lusindiswa kubo bonke abakolwayo; kwa kuye um‐Juda ukuqala, nakuye um‐Girike. 17Ngokuba ubulungisa bukatixo butyilwa kuyo ngokolo kude kube lukolo, njengokuba kuba̔liwe ukuti: Kodwa olungileyo uya kupila ngokolo.
18NGOKUBA kutyilwa umsindo katixo ezulwini ngakuko konke ukungabedeshi nokungalungisi kwabantu, abayibambayo inyaniso kokungalungileyo; 19ngokokuba oko okwazekayo ngotixo kubonakele pakati kwabo; ngokuba utixo wakubonakalisa kubo: 20ngokuba izinto zake ezingabonekiyo ziqiqwa kwa sekudalweni kwelizwe, ziqondwa ngezinto ezenziweyo, kwa amandla ake angunapakade nobutixo bake; ukuze bangabi nakulandula; 21ngokokuba, nangona bamaziyo utixo, abamdumisa njengokuba e ngutixo, ababulela kanjako; koko bamata ezicamangweni zabo, yati intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa mnyama. 22Besitsho ukuti bangabalumkileyo baba zizidenge, 23bati ubungcwalisa bake utixo ongonakaliyo babuguqulela umfanekiso ofana nomntu owonakalayo, nentaka, nezilo ezinyawo zine, nezinto ezinambuzelayo.
24Ngako oko kanjalo utixo wabayekelela kuzo inkanuko zentliziyo zabo ekunco̔leni, ukuba bahlazekise imizimba yabo pakati kwabo; 25ekubeni inyaniso katixo bayiguqulela ubuxoki, nezidalwa bazibedesha bazikonza ngapezu kwomdali, odumisekayo kude kube ngunapakade: Amene. 26Ngenxa yoku utixo wabayekelela emilweni ehlazekileyo: ngokuba kwa amankazana abo aguqula okwemvelo ukwenza kube kokungalungelene nemvelo: 27kwa ngokunjalo namadoda, eyeka okwemvelo ukwenza kwinkazana, atsha ekunqweneleni kwawo enye ngakuyo enye, amadoda esenza namadoda okulihlazo, esamkela kwa kuwo ngokwawo impindezelo ebifanele ulahleko lwawo. 28Kanjako njengokuba bebengatandi ukubamba utixo ekwazini kwabo, utixo wabayekelela eluveni olwaliwayo, ukwenza izinto ezingafanelekileyo; 29bezalisiwe kuko konke okungalungileyo, ngumbulo, bubumenemene, bububawa, lulunya; bezele ngumona, lubulalo, lipike, yinkohliso, lulwavela; 30bengabagquguli, abahlebi, abatiyi bakatixo, ababandezeli, abaner̔atshi, abazidlayo, abafumanisi bezinto ezikohlakeleyo, abangevayo abazali, 31abangenakuqonda, abapuli bocebano, abangenalutando lwokuvela, abangaxoliseki, abangenazibele: 32abati, nangona bawaziyo ummiso katixo, wokuba abo bazenza izinto ezinjalo bafanele ukufa, bangazenzi kwa zona kodwa, koko kanjalo batakazela abazenzayo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena