Isityilo sika‐Johane 8

8
1NAXESHEKWENI yasinqikayo isincamatiselo sesixe̔nxe, kwatiwa cwaka ezulwini kwanga kusisiqingata seyure.
2Ndaza ndabona ingelosi ezo zisixe̔nxe ezimiyo ebusweni bukatixo: kwaye kunikwa kuzo amaxilongo asixe̔nxe.
3Yandula yeza enye ingelosi, yema ngasesibingelweni, ipete isiqu̔melo sego lide; kwaye kunikwa kuyo into eninzi yeziqu̔miso, ukuze iyinikele kunye nemitandazo yabangcwele bonke pezu kwesibingelo segolide pambi kwayo iterone. 4Waza wenyuka umsi weziqu̔miso, kunye nemitandazo yabangcwele, esandleni sengelosi pambi kwotixo. 5Yaza ingelosi leyo yasitabata isiqu̔melo, yasizalisa kuwo umlilo wesibingelo, wawuposela emhlabeni: kusuke kwabako amazwi, nendudumo, nemibane, nesingcangcazelo somhlaba.
6Zaza ingelosi ezo zosixe̔nxe, zipete amaxilongo lawo osixe̔nxe, zazilungisa ukuze zihlokomise.
7Yati eyokuqala ingelosi yahlokomisa; kusuke kwabako izico̔to nomlilo zipitikeziwe negazi, zaposelwa emhlabeni: saza isiqingata sesitatu sayo imiti satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.
8Yati eyesibini ingelosi yahlokomisa; kwaye kunjengokungati intaba enkulu isitsha ngomlilo yaposelwa elwandle: sisuke isiqingata sesitatu solwandle saba ligazi: 9saza safa isiqingata sesitatu sazo izidalwa eziselwandle, ezo zinokudliwa kwobomi; kanjalo isiqingata sesitatu sazo inqanawa sabujiswa.
10Yati eyesitatu ingelosi yahlokomisa; kwaza kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu ivuta njengesibane, yawa pezu kwesiqingata sesitatu sayo imilambo, napezu kwayo imitombo yamanzi; 11negama lenkwenkwezi leyo kutwa ngu‐Mhlonyane: saza isiqingata sesitatu sawo amanzi saba ngumhlonyane: bati abantu abaninzi bafa ngamanzi lawo, kuba enziwa ṙaṙa.
12Yati eyesine ingelosi yahlokomisa; kwaza kwabetwa isiqingata sesitatu selanga, nesiqingata sesitatu senyanga, nesiqingata sesitatu senkwenkwezi; ukuze kwenziwe mnyama isiqingata sesitatu sazo, iti imini ingabonakali isiqingata sesitatu sayo, nobusuku bube kwa njalo.
13Ndaza ndabona, ndeva ingelosi etile ibaleka ngamapiko pakati kwezulu isiti ngelizwi elikulu: Ilishwa, ilishwa, ilishwa, kubo abemiyo pezu kwomhlaba, ngawo amanye amazwi exilongo lengelosi zontatu eziseza kuhlokomisa!

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena