Isityilo sika‐Johane 3
3
1Nakuyo ingelosi yeṙemente yase Saradise ba̔la ngokuti: Utsho lowo unabo omoya bosixe̔nxe bakatixo, nazo inkwenkwezi zosixe̔nxe, ukuti: Ndiyazi imisebenzi yako, ukuba unegama lokuba upilile, kanti ufile. 2Yiba ulinda, uziqinise izinto eziseleyo, ezo ziza kufa: ngokuba ndingafumananga imisebenzi yako ukuba izalisekile ebusweni bukatixo. 3Kumbula ngoko ukuba ute nina ukwamkela, nokuba wati nina ukuva, ugcine, uguquke. Ukuba ke akulindi, ndokuzuma njengesela, waungayi kwazi yiyipina iyure endiya kukuzuma ngayo. 4Koko unawo amagama amancinane nase‐Saradise angadyobanga izivato zawo; babeya kuhamba nam benezivato ezimhlope, kuba befanele.
5Owoyisayo, yena lo uya kwambeswa ngezivato ezimhlope: kanjalo andisayi kucima igama lake encwadini yobomi; ndandiya kuvuma igama lake ebusweni bukabawo, nasebusweni bengelosi zake. 6Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iremente.
7Nakuyo ingelosi yeremente yase‐Filadelafiya ba̔la ngokuti: Utsho oyingcwele, oyinyaniso, onesilotile sika‐Davide, oti avule kungabiko ovalayo, avale kungabiko ovulayo, ukuti: 8Ndiyazi imisebenzi yako; bona ke, ndinikile pambi kwako ucango oluvulekileyo, ekungeko ongaluvalayo, ngokuba unawo amandla amancinane, nelizwi lam uligcinile, negama lam akulikanyelanga. 9Bona ke, ndinika abo bakuyo intlanganiso ka‐Satane, abo bati bona bangama‐Juda, kanti abangawo, koko bexoka; bona ke, ndiya kubenza ukuba beze babedeshe pambi kwenyawo zako, baze baqonde ukuba ndikutandile mna. 10Ngokokuba uligcinile ilizwi lomonde wam, kwa nam ndokugcina wena kulo ixeshana lokulingwa, eliya kuza pezu kwelimiwayo lonke, ukuza kulinga abo bemiyo pezu kwomhlaba. 11Bona ke, ndiyeza msinya: bamba oko unako, ukuze kungabiko otabata isitsaba sako.
12Owoyisayo, yena ndiya kumenza intsika etempileni yotixo wam, aze angabi sapuma kona: ndandiya kuba̔la pezu kwake igama lotixo wam, negama lesixeko sotixo wam, le‐Yerusaleme entsha, eso sihlayo ezulwini kuye utixo wam; kwa negama lam elitsha. 13Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iremente.
14Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Lawodikeya ba̔la ngokuti: Utsho u‐Amene, inqi̔na eliyinene eliyinyaniso, isiqalo sesidalwa sikatixo, ukuti: 15Ndiyazi imisebenzi yako, ukuba akubandi, akushushu kanjako; akwaba ububanda, umhlaumbi ubushushu! 16Kwa njalo ke, ngokokuba ulidikidiki, ungabandi nje, ungashushu kanjako, ndiya kukuhlanza emlonyeni wam. 17Ngokokuba usiti: Ndityebile, sendizuze ubutyebi, andiswele luto ke; ungazi kanti ukuba unguye olusizi, okedamelekayo, olihlwempu, oyimfama, ozé: 18ndiyakunika icebo lokuba utenge kum igolide icokisiwe ngomlilo, ukuze utyebe; nezivato ezimhlope, ukuze wambeswe, nokuba lingabonakaliswa ihlazo lobuzé bako; nesitambiso sokutambisa amehlo ako, ukuze ubone. 19Abo sukuba ndibatanda, ndiyabatetisa ndibohlwaye: zondelela ngoko, uguquke. 20Bona ke, ndimi ngaselucangweni, ndiqongqota nokuqongqota: xeshekweni umntu evayo ilizwi lam, avule ucango, ndiya kungena kuye, ndidle naye, ati yena adle nam.
21Owoyisayo ndiya kumnika ukuba ahlale nam eteroneni yam, njengokuba nam ndoyisayo, ndaza ndahlala nobawo eteroneni yake. 22Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iremente.
Currently Selected:
Isityilo sika‐Johane 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.