Isityilo sika‐Johane 16
16
1Ndaza ndeva ilizwi elikulu livela etempileni apo, lisiti kuzo ingelosi zosixe̔nxe: Hambani, niye nigalele ifiyali zomsindo katixo emhlabeni.
2Yapuma ke eyokuqala, yagalela ifiyali yayo pezu kwomhlaba; kusuke kwabako itumba elibi elinzima ebantwini abanalo upa̔u lwer̔amnco, nababedeshayo umfanekiso walo.
3Yaza eyesibini ingelosi yagalela ifiyali yayo elulwandleni; lusuke lwaba ligazi njengelofileyo; yati yonke imipefumlo enokudliwa kwobomi yafa kulo ulwandle.
4Yaza eyesitatu ingelosi yagalela ifiyali yayo emilanjeni nasemitonjeni yamanzi; asuka aba ligazi. 5Ndaza ndeva ingelosi yamanzi lawo isiti: Ulungile, Nkosi! okoyo, obuko, oya kuza kubako, kuba wenje nje ukugweba. 6Kuba bepalazile igazi labangcwele nelabaprofite, nawe igazi ulinikile kubo basele; ngokuba befanele. 7Ndeva kwa nenye isesibingelweni isiti: Ewe, Nkosi Tixo Somandla! iyinyaniso ilungile imigwebo yako.
8Yaza eyesine ingelosi yagalela ifiyali yayo pezu kwelanga; kwaye kunikwa kuyo ukuba itshise abantu ngomlilo. 9Batshiswa ke abantu ngobushushu obukulu, baligxeka igama likatixo onamandla pezu kwezibeto ezi; kanti abaguquka ukuba bamnike udumo.
10Yaza eyesihlanu ingelosi yagalela ifiyali yayo pezu kweterone yalo ir̔amnco; busuke baba bumnyama ubukumkani balo; baza bahlafuna ilwimi zabo ngenxa yobuhlungu, 11bamgxeka utixo wezulu ngenxa yentlungu zabo nangenxa yamatumba abo; kanti abaguquka kuzo izenzo zabo.
12Yaza eyesitandatu ingelosi yagalela ifiyali yayo pezu kwawo umlambo omkulu um‐Ferate; ati ke atsha amanzi awo, ukuze ilungiselelwe indlela yokumkani basempumalanga. 13Ndaza ndabona bepuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni wer̔amnco, nasemlonyeni womprofite obuxoki, omoya abatatu abanco̔lileyo befana namasele. 14Ngokuba bengomoya bedemoni besenza imiqondiso, abapuma ukuya kubo okumkani bomhlaba nabelimiwayo lonke, ukubahlanganisela ekulweni kwalowo umhla omkulu katixo usomandla. 15Bona ke, ndiyeza njengokuba lisiza isela. Unetamsanqa lowo ulindayo, azigcine izivato zake, ukuba angabi ehamba zé, kuze kubonwe ubuhlazo bake. 16Baza babahlanganisela endaweni ebizwa ngokwama‐Hebere ngokuti yi‐Harimegido.
17Yaza eyesixe̔nxe ingelosi yagalela ifiyali yayo esibakabakeni; kwati ke kwapuma ilizwi elikulu etempileni yezulu, kuyo iterone, lisiti: Kwenzekile. 18Kwaza kwabako amazwi, nendudumo, nemibane; kwabako nesingcangcazelo somhlaba esikulu, ekungabangako esinjalo kuseloko abantu bebeko pezu kwomhlaba, isingcangcazelo esingako, esikulu kangaka. 19Saza isixeko esikulu sahluka kutatu, nezixeko zentlanga zawa; nayo i‐Babilone enkulu yakunjulwa pambi kwotixo, ukuba ayinike indebe yeveyine yomsindo woqumbo lwake. 20Zati zonke iziqiti zesaba, nentaba azafunyanwa. 21Kanjalo izico̔to ezikulu, zilingana netalente ukuba nzima kwazo, zehla ezulwini pezu kwabantu: baza abantu bamgxeka utixo ngenxa yesosibeto sezico̔to; ngokuba sikulu isibeto sazo kakulu.
Currently Selected:
Isityilo sika‐Johane 16: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.