Isityilo sika‐Johane 1
1
ISAHLUKO I.
1ISITYILO sika‐Yesu Kristu, eso utixo wasinikayo kuye, ukuba abonise izicaka zake izinto ezifanele ukubako kamsinya: waza watuma wasazisa ngayo ingelosi yake kwisicaka sake u‐Johane; 2owanqi̔nayo ilizwi likatixo, nobunqina buka‐Yesu Kristu, nazo zonke izinto wazibonayo. 3Unetamsanqa lowo uleseshayo, nabo bevayo amazwi esisiprofitesho, bagcine ezonto eziba̔liweyo kuso; ngokuba ixesha likufupi.
4UJOHANE kuzo iṙemente zosixe̔nxe ezise‐Asiya: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye okoyo, obeko, ozayo; nakubo omoya bosixe̔nxe abapambi kweterone yake; 5nakuye u‐Yesu Kristu, inqi̔na eliyinene, umzalwa‐tanci kwabafileyo, nenkosi yokumkani bomhlaba. Kuye owasitandayo, wasihlanza kuzo izono zetu egazini lake; 6waza wasenza okumkani nabaperisite kuye utixo noyise wake: kuye makubeko ubungcwalisa namandla kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
7Bona ke, uyeza namafu, aye amehlo onke eya kumbona, nabo abo bamhlabayo; kanjalo zonke izizwe zomhlaba ziya kusenza isijwili ngakuye. Ewe, Amene. 8Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, isiqalo nesipelo, itsho inkosi e ngutixo, ekoyo, ebiko, ezayo, usomandla.
9Mna Johane, onguye nomzalwana wenu, nolikolwane kunye nani embandezelweni, nakubo ubukumkani nomonde ka‐Yesu Kristu ndibe ndisesiqitini esibizwa nge‐Patimo, ngenxa yelizwi likatixo, nangenxa yobunqi̔na buka‐Yesu Kristu. 10Ndaba kumoya ngemini yenkosi; ndaza ndeva emva kwam ilizwi elikulu, njengelexilongo, 11lisitsho ukuti: Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, owokuqala nowokugqibela; nokuti: Oko ukubonayo kuba̔le encwadini, uyitume kuzo iremente zosixe̔nxe ezise‐Asiya: kuyo i‐Efese, nakuyo i‐Simurena, nakuyo i‐Peregamo, nakuyo i‐Tiyatira, nakuyo i‐Saradise, nakuyo i‐Filadelafiya, nakuyo i‐Lawodikeya.
12Ndaza ndajika ukuba ndibone ilizwi elo elatetayo nam. Ndati ndakuba ndijikile ndabona ikandelare zegolide zasixe̔nxe, 13napakati kwazo ikandelare zosixe̔nxe ofana nonyana wesintu, evete ingubo ifikela ezinyaweni, ebinqiwe ngasemabeleni ngombinqo wegolide. 14Kanjalo intloko yake nenwele zake zazimhlope, njengoboya obumhlope begusha, njengayo ingqweqwe; namehlo ake aenjengalo ilangatye lomlilo: 15nenyawo zake zazifana nexina ekazimlayo, njengokungati zazivuta esidlangalaleni; nelizwi lake lalinjengelizwi lamanzi amaninzi. 16Wayepete esandleni sake sokunene inkwenkwezi zasixe̔nxe; nakuwo umlomo wake kwakupuma iṙele elintlangoti zimbini elibukali; nobuso bake babunjengokuba ilanga likanya emandleni alo.
17Ndati kekaloku ndakumbona, ndawa ngasezinyaweni zake ngokungati ndifile. Waza wabeka isandla sake sokunene pezu kwam, esiti kum: Ungoyiki; mna ndingowokuqala nowokugqibela; 18ndingopilileyo, kanti ndibe ndifile; kanjalo, bona ke, ndipilile kude kube ngunapakade kanapakade: Amene: kanjako ndinazo izilotile zehadesi nezokufa. 19Ziba̔le ezonto wazibonayo, nezo zikoyo, nezo ziza kubako emveni kwazo ezi. 20Imfihlakalo yenkwenkwezi zosixe̔nxe wazibonayo kwesokunene sam nekandelare zosixe̔nxe zegolide: zona inkwenkwezi zosixe̔nxe zizingelosi zeṙemente zosixe̔nxe; nazo ikandelare zosixe̔nxe wazibonayo ziziremente ezisixe̔nxe.
Currently Selected:
Isityilo sika‐Johane 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.