Amaculo 76

76
ICULO LXXVI.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeneginote: iculo lika‐Safa, lokuvunywa.
1UTIXO wazekile kwa‐Juda; igama lake likulu kwa‐Sirayeli. 2Kanjalo itabanakele yake ise‐Saleme, nekaya lake lise‐Ziyone. 3Wapula apo intolo zesipeta, ikaka, neṙele, nezixo̔bo zokulwa. Sela. 4Uyingcwalisa wena! udumile ngapezu kwentaba zamaxoba. 5Abantliziyo zinamandla bapangiwe, balele ubutongo babo; akuko nanye kumadoda obuṙoti efumene izandla zayo. 6Ngenxa yokutetisa kwako, Tixo ka‐Yakobi! kuwelwe bubutongo obukulu inqwelo nehashe.
7Wena, kwa wena ungowoyikekayo; ngubanina ongema ebusweni bako emvenikweni uqumbileyo? 8Wavakalisa umgwebo kwa sezulwini; umhlaba woyika, wati cwaka, 9nxa utixo wavukela ekugwebeni, ukuza kusindisa bonke abalulamileyo bomhlaba. Sela. 10Ngenyaniso umsindo woluntu wodumisa wena; iliva lomsindo uya kulibamba. 11Yenzani isibambiso, nisifeze kuyehova utixo wenu: bonke abamngqongayo mabazise umnikelo kowoyikekayo. 12Uya kunqamla umoya wazo inkosi: woyikekile kubo okumkani bomhlaba.

Currently Selected:

Amaculo 76: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena