Amaculo 58
58
ICULO LVIII.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, elokuti: Ungatshabalalisi. Imikitame ka‐Davide.
1NIYATETA okulungileyo ngenyaniso na, ntlanganiso? niyagweba ngokufanelekileyo na, bonyana babantu? 2okunene entliziyweni niyaqinga izikohlakalo; nasemhlabeni niyalinganisa ubudlwengu bezandla zenu. 3Abakohlakeleyo banobusemzini besavela esizalweni; bayalahleka besapuma esiswini, beteta ubuxoki. 4Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka; banjengeṙamba elisitulu, elivingca indlebe yalo; 5elingayi kuva ilizwi labanyangayo, kwa elalowo owenza ngokunyanga ngokulumkileyo.
6Yapula amazinyo abo, Tixo! emlonyeni wabo: ncotula imbamba zengonyamana, Yehova! 7Mabanyibilike njengamanzi abalekayo; nxa abekisa omnye nomnye intolo zake, mazibe njengokungati zinqunyulelwe. 8Mababe njengenkumba eyemkayo ngokunyibilika; njengesisu sipumayo somfazi mabangaboni ilanga. 9Kwa zingekeva imitolo imbiza zenu, nokuba iluhlaza, nokuba itshile, uqwitela lwoyikukulisa.
10Olungileyo uya kuvuya akubona impindezelo; uya kuhlanza inyawo zake ngegazi lokohlakeleyo. 11Baye abantu beya kuti: Ngenyaniso kuko umvuzo kuye olungileyo; ngenyaniso kuko utixo egweba emhlabeni.
Currently Selected:
Amaculo 58: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.