Amaculo 57:7-11

Amaculo 57:7-11 XHO1902A

Intliziyo yam iqinisiwe, TIXO! intliziyo yam iqinisiwe: ndiya kuvuma, ndicule nokucula. Vuka, ngcwalisa yam! vuka, nebele nekinore! ndiya kuvuka kusasa mna. Ndokudumisa, NKOSI! pakati kwezizwe; ndocula kuwe pakati kwentlanga. Ngokuba ububele bako bukulu kude kube sezulwini, nenyaniso yako kude kube semafini. Yiba upakamile pezu kwezulu, TIXO! nobungcwalisa bako pezu kwomhlaba wonke.