Amaculo 46
46
ICULO XLVI.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, konyana baka‐Kora, ingoma ngokwehalamote.
1UTIXO uyindawo yokupepela namandla kuti: ungumncedi okoyo kakulu ezimbandezelweni. 2Soti ngoko singoyiki ekuguqulweni kwomhlaba, nasekushukunyisweni kwentaba pakati kwolwandle; 3nxa agquma amanzi alo, alwe; nxa intaba zingcangcazela ngokukukumala kwalo. Sela.
4Kuko umlambo, imijelo yawo iya kuvuyisa isixeko sikatixo, indawo eyingcwele yetabanakele zopezu konke. 5Utixo upakati kwaso; asiyi kushukunyiswa: utixo uya kusinceda kwa kusaza kusa. 6Izizwe zenza impitimpiti, izikumkani zashukunyiswa; wapuma ilizwi lake, umhlaba wanyibilika. 7Uyehova wemikosi unati; utixo ka‐Yakobi uyinyango kuti. Sela.
8Yizani nikangele imisebenzi kayehova, ozenzileyo intshabalaliso emhlabeni. 9Uyapelisa imfazwe kude kube sencameni yomhlaba; uyapula isipeta, anqamle intshuntshe; inqwelo zokulwa uyazitshisa emlilweni. 10Yekani, nazi ke ukuba ndi ngutixo mna: ndiya kupakanyiswa ezizweni, ndiya kupakanyiswa emhlabeni. 11Uyehova wemikosi unati; utixo ka‐Yakobi uyinyango kuti. Sela.
Currently Selected:
Amaculo 46: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.